-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 9:11|
Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.
-
12
|Éxodo 9:12|
UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.
-
13
|Éxodo 9:13|
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
-
14
|Éxodo 9:14|
Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.
-
15
|Éxodo 9:15|
Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.
-
16
|Éxodo 9:16|
Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.
-
17
|Éxodo 9:17|
Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.
-
18
|Éxodo 9:18|
Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.
-
19
|Éxodo 9:19|
Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
-
20
|Éxodo 9:20|
Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7