-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 9:21|
Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.
-
22
|Éxodo 9:22|
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
-
23
|Éxodo 9:23|
UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa.
-
24
|Éxodo 9:24|
Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga.
-
25
|Éxodo 9:25|
Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle.
-
26
|Éxodo 9:26|
Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.
-
27
|Éxodo 9:27|
Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.
-
28
|Éxodo 9:28|
Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.
-
29
|Éxodo 9:29|
UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
-
30
|Éxodo 9:30|
Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19