-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Éxodo 14:4|
Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke.
-
5
|Éxodo 14:5|
Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?
-
6
|Éxodo 14:6|
Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye.
-
7
|Éxodo 14:7|
Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela.
-
8
|Éxodo 14:8|
UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo.
-
9
|Éxodo 14:9|
AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.
-
10
|Éxodo 14:10|
Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
-
11
|Éxodo 14:11|
Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?
-
12
|Éxodo 14:12|
Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.
-
13
|Éxodo 14:13|
Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10