-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
47
|Éxodo 12:47|
Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto.
-
48
|Éxodo 12:48|
Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.
-
49
|Éxodo 12:49|
Woba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.
-
50
|Éxodo 12:50|
Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
-
51
|Éxodo 12:51|
Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
-
1
|Éxodo 13:1|
UYehova wathetha kuMoses, wathi,
-
2
|Éxodo 13:2|
Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
-
3
|Éxodo 13:3|
Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
-
4
|Éxodo 13:4|
Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
-
5
|Éxodo 13:5|
Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10