-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Éxodo 12:17|
Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade.
-
18
|Éxodo 12:18|
Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa.
-
19
|Éxodo 12:19|
Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.
-
20
|Éxodo 12:20|
Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele.
-
21
|Éxodo 12:21|
Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika.
-
22
|Éxodo 12:22|
Nithabathe isipha sehisope, nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kuse.
-
23
|Éxodo 12:23|
UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale.
-
24
|Éxodo 12:24|
Woligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.
-
25
|Éxodo 12:25|
Nothi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.
-
26
|Éxodo 12:26|
Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10