-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Éxodo 10:26|
nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
-
27
|Éxodo 10:27|
UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula.
-
28
|Éxodo 10:28|
Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
-
29
|Éxodo 10:29|
Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.
-
1
|Éxodo 11:1|
UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.
-
2
|Éxodo 11:2|
Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide.
-
3
|Éxodo 11:3|
UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.
-
4
|Éxodo 11:4|
Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,
-
5
|Éxodo 11:5|
afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;
-
6
|Éxodo 11:6|
kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10