-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Éxodo 12:7|
bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo;
-
8
|Éxodo 12:8|
bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra.
-
9
|Éxodo 12:9|
Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwe ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo.
-
10
|Éxodo 12:10|
Nize ningasalisi ndawo yalo kude kuse; okuseleyo kulo kwada kwasa nokutshisa ngomlilo.
-
11
|Éxodo 12:11|
Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika kuYehova.
-
12
|Éxodo 12:12|
Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova.
-
13
|Éxodo 12:13|
Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.
-
14
|Éxodo 12:14|
Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade.
-
15
|Éxodo 12:15|
Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.
-
16
|Éxodo 12:16|
Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10