-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Éxodo 12:37|
Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engathi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.
-
38
|Éxodo 12:38|
Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.
-
39
|Éxodo 12:39|
Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.
-
40
|Éxodo 12:40|
Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mane aneminyaka emanci mathathu.
-
41
|Éxodo 12:41|
Ekupheleni kweminyaka emakhulu mane, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.
-
42
|Éxodo 12:42|
Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.
-
43
|Éxodo 12:43|
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.
-
44
|Éxodo 12:44|
Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.
-
45
|Éxodo 12:45|
Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.
-
46
|Éxodo 12:46|
Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10