-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Éxodo 2:19|
Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
-
20
|Éxodo 2:20|
Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
-
21
|Éxodo 2:21|
Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.
-
22
|Éxodo 2:22|
Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
-
23
|Éxodo 2:23|
Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
-
24
|Éxodo 2:24|
Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.
-
25
|Éxodo 2:25|
UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.
-
1
|Éxodo 3:1|
Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
-
2
|Éxodo 3:2|
Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingade litshe liphele.
-
3
|Éxodo 3:3|
Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5