-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 14:11|
Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.
-
12
|Juan 14:12|
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.
-
13
|Juan 14:13|
Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.
-
14
|Juan 14:14|
Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.
-
15
|Juan 14:15|
Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.
-
16
|Juan 14:16|
Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:
-
17
|Juan 14:17|
uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
-
18
|Juan 14:18|
Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.
-
19
|Juan 14:19|
Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.
-
20
|Juan 14:20|
Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 8-9