-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 1:21|
Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi.
-
22
|Juan 1:22|
Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe ngokwakho?
-
23
|Juan 1:23|
Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.
-
24
|Juan 1:24|
Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.
-
25
|Juan 1:25|
Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo?
-
26
|Juan 1:26|
Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.
-
27
|Juan 1:27|
Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.
-
28
|Juan 1:28|
Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
-
29
|Juan 1:29|
Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.
-
30
|Juan 1:30|
Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3