-
-
Xhosa
-
-
41
|Juan 6:41|
Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini.
-
42
|Juan 6:42|
Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?
-
43
|Juan 6:43|
Waphendula ngoko UYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu.
-
44
|Juan 6:44|
Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
-
45
|Juan 6:45|
Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.
-
46
|Juan 6:46|
Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo.
-
47
|Juan 6:47|
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.
-
48
|Juan 6:48|
Ndim isonka sobomi.
-
49
|Juan 6:49|
Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko.
-
50
|Juan 6:50|
Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34