-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 19:11|
Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.
-
12
|Jueces 19:12|
Yathi kuye inkosi yakhe, Asiyi kuphambukela apha kumzi wolunye uhlanga, ongengowoonyana bakaSirayeli; sodlula siye eGibheha.
-
13
|Jueces 19:13|
Yathi kumfana wakuyo, Yiza, sisondele kwenye indawo, silale; nokuba kuseGibheha, nokuba kuseRama.
-
14
|Jueces 19:14|
Bagqitha, bahamba; batshonelwa lilanga ecaleni laseGibheha yakwaBhenjamin.
-
15
|Jueces 19:15|
Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.
-
16
|Jueces 19:16|
Kwathi thu indoda enkulu ivela emsebenzini wayo emasimini, ngokuhlwa; iyindoda yelasezintabeni lakwaEfrayim, ingumphambukeli eGibheha. Ke amadoda aloo mzi abengamaBhenjamin.
-
17
|Jueces 19:17|
Yawaphakamisa amehlo ayo, yabona ndoda ingumhambi endaweni yokubutha kwamadoda omzi, yathi indoda enkulu leyo, Uya ngaphi na? Uvela phi na?
-
18
|Jueces 19:18|
Yathi kuyo, Siyagqitha, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; endingowakhona. Ndibe ndihambele eBhetelehem yakwaYuda, ngoku ndihambela endlwini kaYehova. Akukho bani ke undamkelela endlwini yakhe apha;
-
19
|Jueces 19:19|
kanti ke sinomququ kwaneendiza zamaesile ethu, nesonka newayini eyiyeyam, nomkhonzazana wakho, nomfana okubakhonzi bakho; akusweleke nto.
-
20
|Jueces 19:20|
Yathi indoda enkulu, Uxolo malube nawe; ke ukuswela kwakho konke makube phezu kwam; kodwa musa ukulala endaweni yokubutha kwamadoda omzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21