-
-
Xhosa
-
-
21
|Jueces 19:21|
Yayingenisa endlwini yayo, yawanika iindiza amaesile; bazihlamba iinyawo zabo, badla, basela.
-
22
|Jueces 19:22|
BakubonÂ’ ukuba bayazichwayithisa iintliziyo zabo, nango amadoda aloo mzi, amadoda angamatshijolo, eyirhawula indlu leyo, emana enkqonkqoza elucangweni; atsho kwindoda enkulu engumninindlu ukuthi, Yikhuphe indoda engene endlwini yakho, siyazi.
-
23
|Jueces 19:23|
Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kuwo, yathi kuwo, Hayi, bazalwana bam, hayi, musani ukukha nenze into embi. Emveni kokuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge.
-
24
|Jueces 19:24|
Nantsi intombi yam eyintombi, neshweshwe lale ndoda; makhe ndikhuphe bona, nibone, nenze kubo okulungileyo emehlweni enu; ke kule ndoda ze ningenzi nto yobu budenge.
-
25
|Jueces 19:25|
Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Yalibamba indoda ishweshwe layo, yalikhuphela phandle kuwo; alazi, afeketha ngalo bonke ubusuku kwada kwasa; alindulula ngesifingo.
-
26
|Jueces 19:26|
Yafika inkazana leyo xa kusayo, yawa emnyango wendlu yendoda apho yayikhona inkosi yayo, kwada kwamhlophe.
-
27
|Jueces 19:27|
Yavuka inkosi yayo kusasa, yazivula iingcango zendlu, yaphuma ukuba ihambe ngendlela yayo; nantso le nkazana ilishweshwe layo iwile emnyango waloo ndlu, nezandla zayo zisembundwini wawo.
-
28
|Jueces 19:28|
Yathi kuyo, Vuka sihambe; ayaphendula. Yayithabatha yayibeka phezu kwe-esile; yesuka loo ndoda, yasinga endaweni yayo.
-
29
|Jueces 19:29|
Yafika endlwini yayo, yathabatha isitshetshe, yalibamba ishweshwe layo, yalityatya ngokwamathambo alo laziinyama ezilishumi elinambini, yalithumela kuyo yonke imida yakwaSirayeli;
-
30
|Jueces 19:30|
ukuze bonke ababona oko bathi, Okunje akuzanga kubekho; akuzanga kubonwe kususela kumhla abanyuka ngawo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; kubekeleni iintliziyo zenu oku, nicebe, nithethe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7