-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 6:1|
Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova; wabanikela uYehova esandleni samaMidiyan iminyaka esixhenxe.
-
2
|Jueces 6:2|
Isandla samaMidiyan saba namandla phezu kwamaSirayeli; oonyana bakaSirayeli bazilungisela imigongxo esezintabeni, nemiqolomba, neemboniselo ngenxa yamaMidiyan.
-
3
|Jueces 6:3|
Kwathi, xa abehlwayele amaSirayeli, enyuka amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga;
-
4
|Jueces 6:4|
benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, abashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.
-
5
|Jueces 6:5|
Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza benjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.
-
6
|Jueces 6:6|
Abhitya kunene amaSirayeli ngenxa yamaMidiyan. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
-
7
|Jueces 6:7|
Kwathi, bakukhala oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa yamaMidiyan,
-
8
|Jueces 6:8|
uYehova wathuma indoda engumprofeti koonyana bakaSirayeli; yathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndaninyusa mna eYiputa, ndanikhupha endlwini yobukhoboka;
-
9
|Jueces 6:9|
ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sabaxini benu bonke, ndabagxotha phambi kwenu, ndaninika ilizwe labo;
-
10
|Jueces 6:10|
ndathi kuni, NdinguYehova, uThixo wenu; ningaboyiki oothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo; analiphulaphula izwi lam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7