-
-
Xhosa
-
-
31
|Jueces 6:31|
Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba unguThixo, makazithethele, ngokuba sidiliziwe isibingelelo sakhe.
-
32
|Jueces 6:32|
Kwathiwa loo mini unguYerubhahali, kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
-
33
|Jueces 6:33|
Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.
-
34
|Jueces 6:34|
UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.
-
35
|Jueces 6:35|
Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.
-
36
|Jueces 6:36|
Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba uyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo,
-
37
|Jueces 6:37|
nanku ndibeke uboya obuchetyiweyo esandeni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.
-
38
|Jueces 6:38|
Kwaba njalo ke. Wavuka kusasa ngengomso, wabukhamanga uboya, wawukhama umbethe eboyeni, kwazala indebe ngamanzi.
-
39
|Jueces 6:39|
Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.
-
40
|Jueces 6:40|
Wenjenjalo uThixo ngobo busuku: koma uboya bodwa, umbethe waba semhlabeni wonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21