-
-
Xhosa
-
-
11
|Jueces 9:11|
Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
-
12
|Jueces 9:12|
Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
-
13
|Jueces 9:13|
Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
-
14
|Jueces 9:14|
Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
-
15
|Jueces 9:15|
Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizimele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare yaseLebhanon.
-
16
|Jueces 9:16|
Ukuba ke ngoko nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenze ukumkani nje, ukuba nenze okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;
-
17
|Jueces 9:17|
(ekubeni ubawo wanilwelayo, wawulahlayo umphefumlo wakhe, wanihlagulayo esandleni samaMidiyan;
-
18
|Jueces 9:18|
ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);
-
19
|Jueces 9:19|
ukuba ke nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo namhla kuYerubhahali nakwindlu yakhe: vuyani ke ngoAbhimeleki, avuye naye ngani.
-
20
|Jueces 9:20|
Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40