-
-
Xhosa
-
-
51
|Jueces 9:51|
Kwakukho inqaba ende eliqele phakathi komzi, abalekela khona onke amadoda, nabafazi, nabemi bonke bomzi, bazivalela, bakhwela phezu kwentungo yenqaba leyo inde.
-
52
|Jueces 9:52|
Wafika ke uAbhimeleki enqabeni ende, walwa nayo, wasondela emnyango wenqaba ende, ukuze ayitshise ngomlilo.
-
53
|Jueces 9:53|
Yasuka inkazana ethile, yaphosa ilitye lokusila langaphezulu entlokweni ka-Abhimeleki, yamtyumza ukakayi.
-
54
|Jueces 9:54|
Wabiza kamsinya umfana wakwakhe obephethe iintonga zakhe, wathi kuye, Rhola ikrele lakho, undibulale, hleze kuthiwe ngam, Ubulewe yinkazana. Umfana wakwakhe wamhlaba amahlanza, wafa ke.
-
55
|Jueces 9:55|
Abona amaSirayeli ukuba ufile uAbhimeleki, aya elowo endaweni yakhe.
-
56
|Jueces 9:56|
UThixo wabubuyisela entlokweni yakhe ububi buka-Abhimeleki abebenzile kuyise, ngokubulala abazalwana bakhe abamashumi asixhenxe;
-
57
|Jueces 9:57|
nobubi bonke bamadoda akwaShekem uThixo wabubuyisela ezintlokweni zawo; afikelwa sisiqalekiso sikaYotam, unyana kaYerubhahali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40