-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 11:1|
Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta.
-
2
|Jueces 11:2|
UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.
-
3
|Jueces 11:3|
Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.
-
4
|Jueces 11:4|
Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.
-
5
|Jueces 11:5|
Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;
-
6
|Jueces 11:6|
athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.
-
7
|Jueces 11:7|
Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyayo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?
-
8
|Jueces 11:8|
Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, Kukho kaloku le nto sibuyela kuwe, ukuba uhambe nathi, ulwe noonyana baka-Amon, ube yintloko kuthi, kubemi bonke baseGiliyadi.
-
9
|Jueces 11:9|
Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Ukuba nithe nandibuyisa, ukuze ndilwe noonyana baka-Amon, uYehova wabanikela kum, mna ndoba yintloko kuni na?
-
10
|Jueces 11:10|
Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, UYehova makabe lingqina phakathi kwethu; inene siya kwenjenjalo ngokwelizwi lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13