-
-
Xhosa
-
-
18
|Jueces 21:18|
Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.
-
19
|Jueces 21:19|
Athi, Niyabona, kukho umthendeleko kaYehova iminyaka ngeminyaka eShilo, engasentla yeBheteli, ngasempumalanga komendo ovela eBheteli, onyuka uye kwaShekem, nangasezantsi kweLebhona.
-
20
|Jueces 21:20|
Abawisela oonyana bakaBhenjamin umthetho, esithi, Hambani niye kulalela ezidiliyeni;
-
21
|Jueces 21:21|
yabonani, nikhangele; ukuba zithe zaphuma iintombi zaseShilo, zingqungqa, zibetha ingqongqo, ze niphume ezidiliyeni, nizithele hlasi elowo umkakhe ezintombini zaseShilo, niye ezweni lakwaBhenjamin.
-
22
|Jueces 21:22|
Kothi, xa ooyise nabanakwazo baze kubambana nathi, sithi kubo, Sibabaleni ngazo; ngokuba singabathabathelanga elowo umkakhe ekulweni; ngokuba anibanikanga nina, okanye beniya kuba netyala.
-
23
|Jueces 21:23|
Benjenjalo oonyana bakaBhenjamin, bazeka abafazi ngokwenani labo kwezo zazingqungqa, bazixhakamfulayo; bahamba babuyela elifeni labo, bakha imizi, bahlala kuyo.
-
24
|Jueces 21:24|
Bemka apho oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, elowo waya esizweni sakowabo, nasemzalwaneni wakowabo. Baphuma ke apho, waya elowo elifeni lakhe.
-
25
|Jueces 21:25|
Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza ngokubona kwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7