-
-
Xhosa
-
-
46
|Jueces 20:46|
Athi ke onke awawayo kumaBhenjamin ngaloo mini aba ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, ingamadoda arhola ikrele; onke ke lawo ayengamadoda anobukroti.
-
47
|Jueces 20:47|
Ke ajika asabela entlango engxondorheni eRimon engamakhulu amathandathu amadoda, ahlala engxondorheni yeRimon apho iinyanga zane.
-
48
|Jueces 20:48|
Amadoda akwaSirayeli abuyela koonyana bakaBhenjamin, abulala ngohlangothi lwekrele, ethabathela kumzi, kumadoda ke kwaneenkomo esa kwinto yonke efumanekayo naphi. Kananjalo imizi yonke efunyenweyo ayifaka umlilo.
-
1
|Jueces 21:1|
Ke kaloku amadoda akwaSirayeli abefungile eMizpa, esithi, Akukho kuthi uya kunika umBhenjamin intombi yakhe ibe ngumfazi.
-
2
|Jueces 21:2|
Baya abantu eBheteli, bahlala khona kwada kwahlwa phambi koThixo, baliphakamisa izwi labo, batsho ngesililo esikhulu.
-
3
|Jueces 21:3|
Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?
-
4
|Jueces 21:4|
Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.
-
5
|Jueces 21:5|
Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.
-
6
|Jueces 21:6|
Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sinqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;
-
7
|Jueces 21:7|
siya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifunge uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7