-
-
Xhosa
-
-
16
|Jueces 13:16|
Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
-
17
|Jueces 13:17|
Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzukise lakwenzeka ilizwi lakho?
-
18
|Jueces 13:18|
Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?
-
19
|Jueces 13:19|
Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.
-
20
|Jueces 13:20|
Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.
-
21
|Jueces 13:21|
Asaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.
-
22
|Jueces 13:22|
Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.
-
23
|Jueces 13:23|
Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.
-
24
|Jueces 13:24|
Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.
-
25
|Jueces 13:25|
Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13