-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 1:1|
UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, esithi,
-
2
|Levítico 1:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho zine, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane.
-
3
|Levítico 1:3|
Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wosondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba limkholekise phambi koYehova.
-
4
|Levítico 1:4|
Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele;
-
5
|Levítico 1:5|
alixhele ithole elo lenkomo phambi koYehova. Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bolisondeza igazi balitshize, bajikelezise esibingelelweni esisemnyango wentente yokuhlangana.
-
6
|Levítico 1:6|
Makalihlinze indini elinyukayo, alityatye;
-
7
|Levítico 1:7|
oonyana baka-Aron umbingeleli babeke umlilo phezu kwesibingelelo, bacwangcise iinkuni phezu komlilo;
-
8
|Levítico 1:8|
bazicwangcise oonyana baka-Aron, ababingeleli, iinyama ezo, nentloko, nenqatha, phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo.
-
9
|Levítico 1:9|
Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
-
10
|Levítico 1:10|
Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, nokuba kusezigusheni, nokuba kusezibhokhweni, ulidini elinyukayo, wosondeza iduna eligqibeleleyo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7