-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 10:1|
Ke kaloku oonyana baka-Aron abangooNadabhi noAbhihu bathabatha elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kulo, babeka phezu kwawo isiqhumiso, basondeza phambi koYehova umlilo ongesesikweni, abengabawiselanga mthetho ngawo.
-
2
|Levítico 10:2|
Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, wabadla; bafa phambi koYehova.
-
3
|Levítico 10:3|
Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.
-
4
|Levítico 10:4|
UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo, Sondelani nibathwale abazalwana benu, nibasuse phambi kwengcwele, nibase ngaphandle kweminquba.
-
5
|Levítico 10:5|
Basondela ke, babathwalela ngaphandle kweminquba, beneengubo zabo zangaphantsi, njengoko watshoyo uMoses.
-
6
|Levítico 10:6|
Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSira yeli, bangakulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova.
-
7
|Levítico 10:7|
Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife; kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu. Benza ke ngokwelizwi likaMoses.
-
8
|Levítico 10:8|
Wathetha uYehova kuAron, esithi,
-
9
|Levítico 10:9|
Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;
-
10
|Levítico 10:10|
ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38