-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 22:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 22:2|
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova.
-
3
|Levítico 22:3|
Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova.
-
4
|Levítico 22:4|
Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola;
-
5
|Levítico 22:5|
nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuya, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:
-
6
|Levítico 22:6|
umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;
-
7
|Levítico 22:7|
lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe.
-
8
|Levítico 22:8|
Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova.
-
9
|Levítico 22:9|
Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.
-
10
|Levítico 22:10|
Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7