-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Levítico 22:21|
Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi.
-
22
|Levítico 22:22|
Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova.
-
23
|Levítico 22:23|
Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungayenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso.
-
24
|Levítico 22:24|
Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningenjenjalo.
-
25
|Levítico 22:25|
Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa.
-
26
|Levítico 22:26|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
27
|Levítico 22:27|
Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova.
-
28
|Levítico 22:28|
Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo.
-
29
|Levítico 22:29|
Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nowubingelela ukuba unikholekise.
-
30
|Levítico 22:30|
Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21