-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 11:1|
Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi kubo,
-
2
|Levítico 11:2|
Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho zine ezisehlabathini:
-
3
|Levítico 11:3|
zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, nozidla ezo.
-
4
|Levítico 11:4|
Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
-
5
|Levítico 11:5|
nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
-
6
|Levítico 11:6|
nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni;
-
7
|Levítico 11:7|
nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni.
-
8
|Levítico 11:8|
Inyama yezo nto ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi; ziziinqambi kuni.
-
9
|Levítico 11:9|
Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla ezi: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo emanzini, ezilwandleni nasemilanjeni, nozidla zona.
-
10
|Levítico 11:10|
Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ezilwandleni nasemilanjeni, enyakanyakeni yonke esemanzini, nasezintweni eziphilileyo ezisemanzini,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40