-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Levítico 14:41|
ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;
-
42
|Levítico 14:42|
bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyathwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.
-
43
|Levítico 14:43|
Ukuba sithe sabuya isibetho sathi qwele endlwini, emveni kokurholwa kwamatye, nasemveni kokuphalwa kwendlu, nasemveni kokutyatyekwa kwayo,
-
44
|Levítico 14:44|
wongena umbingeleli, akhangele, O! siqhenqethile isibetho endlwini: liqhenqa elimandundu endlwini, iyinqambi ke.
-
45
|Levítico 14:45|
Yodilizwa indlu namatye ayo, nemithi yayo, nodaka lonke lwendlu, zikhutshelwe ngaphandle komzi ezo zinto, ziye kulahlelwa endaweni eyinqambi.
-
46
|Levítico 14:46|
Lowo ungenayo endlwini, yonke imihla yokuvalwa kwayo, woba yinqambi, ahlwise.
-
47
|Levítico 14:47|
Lowo ulele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe; nalowo udlele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe.
-
48
|Levítico 14:48|
Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.
-
49
|Levítico 14:49|
Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope.
-
50
|Levítico 14:50|
Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo; awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40