-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Levítico 17:11|
Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo.
-
12
|Levítico 17:12|
Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi.
-
13
|Levítico 17:13|
Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.
-
14
|Levítico 17:14|
Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.
-
15
|Levítico 17:15|
Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke.
-
16
|Levítico 17:16|
Ukuba akathanga azihlambe, akawuhlamba umzimba wakhe, wobuthwala ubugwenxa bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34