-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Levítico 20:21|
Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhila ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.
-
22
|Levítico 20:22|
Ize niyigcina imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.
-
23
|Levítico 20:23|
Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.
-
24
|Levítico 20:24|
Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinya izizwe.
-
25
|Levítico 20:25|
Ize niyahlule into ezitho zine ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho zine, nangentaka, nangento yonka enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.
-
26
|Levítico 20:26|
Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.
-
27
|Levítico 20:27|
Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10