-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 21:1|
Wathi uYehova kuMoses. Yitsho kubabingeleli, oonyana baka-Aron, ukuthi, Ze kungabikho uzenza inqambi ngenxa yomfi phakathi kwabantu bakowabo.
-
2
|Levítico 21:2|
Kungaba ngenxa yenyama yakhe ekufuphi kuya yodwa: unina noyisa, nonyana wakhe, nentombi, yakhe, nomzalwana wakhe.
-
3
|Levítico 21:3|
Nodade wabo oseyintombi, leyo ikufuphi kuya, ingenandoda, angazenza inqambi ngenxa yayo.
-
4
|Levítico 21:4|
Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.
-
5
|Levítico 21:5|
Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.
-
6
|Levítico 21:6|
Mababe ngcwela kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.
-
7
|Levítico 21:7|
Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.
-
8
|Levítico 21:8|
Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; woba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.
-
9
|Levítico 21:9|
Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.
-
10
|Levítico 21:10|
Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambatha izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli lingubo zakhe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40