-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Levítico 2:11|
Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
-
12
|Levítico 2:12|
Ningazisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.
-
13
|Levítico 2:13|
Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla woyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.
-
14
|Levítico 2:14|
Ukuba usondeza umnikelo wokudla wentlahlela kuYehova, oyinto esizilwayo ehle yavuthwa, wosondeza ikhweba, umnikelo wokudla wentlahlela yakho.
-
15
|Levítico 2:15|
Uze uyibeke ioli phezu kwalo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwalo; ngumnikelo wokudla ke lowo.
-
16
|Levítico 2:16|
Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40