-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Levítico 6:21|
wenziwe ngeoli epanini, uwuzise ukroqiwe, uwusondeze ungamaqhekeza ngokomnikelo wokudla wamaqhekeza, ube livumba elithozamisayo kuYehova.
-
22
|Levítico 6:22|
Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela;
-
23
|Levítico 6:23|
wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungadliwa.
-
24
|Levítico 6:24|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
25
|Levítico 6:25|
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona.
-
26
|Levítico 6:26|
Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana.
-
27
|Levítico 6:27|
Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.
-
28
|Levítico 6:28|
Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.
-
29
|Levítico 6:29|
Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona.
-
30
|Levítico 6:30|
Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingadliwa, malitshiswe ngomlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40