-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 15:1|
Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.
-
2
|Marcos 15:2|
UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho.
-
3
|Marcos 15:3|
Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu.
-
4
|Marcos 15:4|
Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.
-
5
|Marcos 15:5|
Noko ke uYesu akabanga saphendula nto yena, ngokokude amangaliswe uPilato.
-
6
|Marcos 15:6|
Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela.
-
7
|Marcos 15:7|
Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho.
-
8
|Marcos 15:8|
Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.
-
9
|Marcos 15:9|
Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?
-
10
|Marcos 15:10|
Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3