-
-
Xhosa
-
-
41
|Marcos 15:41|
ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.
-
42
|Marcos 15:42|
Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,
-
43
|Marcos 15:43|
kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.
-
44
|Marcos 15:44|
Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.
-
45
|Marcos 15:45|
Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.
-
46
|Marcos 15:46|
Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.
-
47
|Marcos 15:47|
Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5