-
-
Xhosa
-
-
21
|Marcos 15:21|
Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
-
22
|Marcos 15:22|
Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.
-
23
|Marcos 15:23|
Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.
-
24
|Marcos 15:24|
Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.
-
25
|Marcos 15:25|
Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.
-
26
|Marcos 15:26|
Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, uKumkani wamaYuda.
-
27
|Marcos 15:27|
Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.
-
28
|Marcos 15:28|
Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.
-
29
|Marcos 15:29|
Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,
-
30
|Marcos 15:30|
zisindise, uhle emnqamlezweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3