-
-
Xhosa
-
-
29
|Marcos 6:29|
Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.
-
30
|Marcos 6:30|
Bathi bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile.
-
31
|Marcos 6:31|
Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.
-
32
|Marcos 6:32|
Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.
-
33
|Marcos 6:33|
Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.
-
34
|Marcos 6:34|
Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
-
35
|Marcos 6:35|
Kuthi kwakubonÂ’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;
-
36
|Marcos 6:36|
bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.
-
37
|Marcos 6:37|
Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle?
-
38
|Marcos 6:38|
Uthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7