-
-
Xhosa
-
-
3
|Marcos 7:3|
Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange.
-
4
|Marcos 7:4|
Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo.
-
5
|Marcos 7:5|
Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga?
-
6
|Marcos 7:6|
Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.
-
7
|Marcos 7:7|
Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
-
8
|Marcos 7:8|
Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo.
-
9
|Marcos 7:9|
Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.
-
10
|Marcos 7:10|
Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa;
-
11
|Marcos 7:11|
ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;
-
12
|Marcos 7:12|
ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7