-
-
Xhosa
-
-
13
|Marcos 7:13|
niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.
-
14
|Marcos 7:14|
Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde:
-
15
|Marcos 7:15|
akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.
-
16
|Marcos 7:16|
Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
-
17
|Marcos 7:17|
Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo.
-
18
|Marcos 7:18|
Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?
-
19
|Marcos 7:19|
Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.
-
20
|Marcos 7:20|
Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;
-
21
|Marcos 7:21|
kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,
-
22
|Marcos 7:22|
oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7