-
-
Xhosa
-
-
49
|Marcos 6:49|
Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala;
-
50
|Marcos 6:50|
kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
-
51
|Marcos 6:51|
Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;
-
52
|Marcos 6:52|
kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.
-
53
|Marcos 6:53|
Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.
-
54
|Marcos 6:54|
Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;
-
55
|Marcos 6:55|
bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona.
-
56
|Marcos 6:56|
Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.
-
1
|Marcos 7:1|
Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem;
-
2
|Marcos 7:2|
bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7