-
-
Xhosa
-
-
23
|Marcos 7:23|
zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
-
24
|Marcos 7:24|
Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
-
25
|Marcos 7:25|
Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;
-
26
|Marcos 7:26|
yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.
-
27
|Marcos 7:27|
Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
-
28
|Marcos 7:28|
Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.
-
29
|Marcos 7:29|
Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.
-
30
|Marcos 7:30|
Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo.
-
31
|Marcos 7:31|
Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.
-
32
|Marcos 7:32|
Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7