-
-
Xhosa
-
-
16
|Marcos 8:16|
Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.
-
17
|Marcos 8:17|
Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu?
-
18
|Marcos 8:18|
Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?
-
19
|Marcos 8:19|
Okuya ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini.
-
20
|Marcos 8:20|
Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.
-
21
|Marcos 8:21|
Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
-
22
|Marcos 8:22|
Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.
-
23
|Marcos 8:23|
Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?
-
24
|Marcos 8:24|
Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.
-
25
|Marcos 8:25|
Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7