-
-
Xhosa
-
-
8
|Marcos 9:8|
Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.
-
9
|Marcos 9:9|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.
-
10
|Marcos 9:10|
Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
-
11
|Marcos 9:11|
Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?
-
12
|Marcos 9:12|
Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.
-
13
|Marcos 9:13|
Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
-
14
|Marcos 9:14|
Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.
-
15
|Marcos 9:15|
Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.
-
16
|Marcos 9:16|
Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
-
17
|Marcos 9:17|
Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10