-
-
Xhosa
-
-
38
|Marcos 9:38|
Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.
-
39
|Marcos 9:39|
Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.
-
40
|Marcos 9:40|
Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.
-
41
|Marcos 9:41|
Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
-
42
|Marcos 9:42|
Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.
-
43
|Marcos 9:43|
Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
-
44
|Marcos 9:44|
apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
-
45
|Marcos 9:45|
Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
-
46
|Marcos 9:46|
apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
-
47
|Marcos 9:47|
Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10