-
-
Xhosa
-
-
28
|Marcos 9:28|
Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?
-
29
|Marcos 9:29|
Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
-
30
|Marcos 9:30|
Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;
-
31
|Marcos 9:31|
kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.
-
32
|Marcos 9:32|
Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.
-
33
|Marcos 9:33|
Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?
-
34
|Marcos 9:34|
Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye?
-
35
|Marcos 9:35|
Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.
-
36
|Marcos 9:36|
Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,
-
37
|Marcos 9:37|
Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10