-
-
Xhosa
-
-
36
|Marcos 8:36|
Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?
-
37
|Marcos 8:37|
Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
-
38
|Marcos 8:38|
Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
-
1
|Marcos 9:1|
Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.
-
2
|Marcos 9:2|
Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.
-
3
|Marcos 9:3|
Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.
-
4
|Marcos 9:4|
Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.
-
5
|Marcos 9:5|
Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
-
6
|Marcos 9:6|
Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.
-
7
|Marcos 9:7|
Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7