-
-
Xhosa
-
-
52
|Marcos 14:52|
Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize.
-
53
|Marcos 14:53|
Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.
-
54
|Marcos 14:54|
Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.
-
55
|Marcos 14:55|
Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.
-
56
|Marcos 14:56|
Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.
-
57
|Marcos 14:57|
Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,
-
58
|Marcos 14:58|
Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.
-
59
|Marcos 14:59|
Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.
-
60
|Marcos 14:60|
Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?
-
61
|Marcos 14:61|
Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7