-
-
Xhosa
-
-
10
|Marcos 15:10|
Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.
-
11
|Marcos 15:11|
Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.
-
12
|Marcos 15:12|
Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?
-
13
|Marcos 15:13|
Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!
-
14
|Marcos 15:14|
Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!
-
15
|Marcos 15:15|
Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
-
16
|Marcos 15:16|
Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizele ndawonye ibutho lawo liphela;
-
17
|Marcos 15:17|
amambathise ngebomvu; aluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso,
-
18
|Marcos 15:18|
aqale ukumbulisa, athi, Aa! Kumkani wamaYuda!
-
19
|Marcos 15:19|
Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7