-
-
Xhosa
-
-
30
|Marcos 15:30|
zisindise, uhle emnqamlezweni.
-
31
|Marcos 15:31|
Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa.
-
32
|Marcos 15:32|
UKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.
-
33
|Marcos 15:33|
Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.
-
34
|Marcos 15:34|
Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na?
-
35
|Marcos 15:35|
Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya.
-
36
|Marcos 15:36|
Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.
-
37
|Marcos 15:37|
Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.
-
38
|Marcos 15:38|
Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
-
39
|Marcos 15:39|
Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21