-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 12:6|
Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.
-
7
|Mateo 12:7|
Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.
-
8
|Mateo 12:8|
Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.
-
9
|Mateo 12:9|
Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.
-
10
|Mateo 12:10|
Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.
-
11
|Mateo 12:11|
Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
-
12
|Mateo 12:12|
Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.
-
13
|Mateo 12:13|
Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
-
14
|Mateo 12:14|
Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
-
15
|Mateo 12:15|
Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16